UDJ Sbu ukhuphe imbalelwano ethi uyayishiya iRadio 2000 Umfanekiso: Instagram
Umsasazi wenkqubo yakusasa phakathi evekeni kwiRadio 2000, uDJ Sbu wazise ngokwahlukana kwakhe nesi sitishi sikanomathotholo.
USbu wazimanya neRadio 2000 kwinyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo, u2024, nalapho esenza inkqubo ethi, The Big Breakfast Show, ukusuka ngentsimbi yesithandathu ukuya kweyethoba kusasa.
Ukanti kusasa namhlanje, uMvulo, umhla we24 kweyoMdumba ukhuphe ingxelo ethi uthathe isigqibo sokushiya esi sitishi sikanomathotholo, singekapheli isivumelwano sakhe, nesiphela ngomhla we30 kweyoKwindla kulo nyaka.
“Isigqibo asikhange sibe lula, ngoba ixesha endilichithe kwiRadio 2000 ndifumene amava amakhulu kakhulu, kwaye leyo yinto endingenakuze ndiyilibale, kwanochulumanco lokunxulumana nabaphulaphuli. Ndibulela kakhulu ngenkxaso endiyifumene koogxa bam, abaphathi, ndikwabulela kakhulu kubaphulaphuli abathembekileyo,” utshilo uSbu.
Lo msasazi uveze ukuba ulungiselela ukuqhuba enye inkqubo yakusasa kwenye indawo, ukusukela ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi.
USbu ugqibele ngokunqwenelela iRadio 2000 impumelelo kwiminyakeni ezayo.
Related Topics: