The Star

Incwadi engempatho ‘engalinganiyo’ esipoliseni!

Zenande Maqubela|Published

Owayesakuba lipolisa iminyaka engamashumi amane, ubhale incwadi nalapho ebhentsisa ngokuphandle oko akholelwa ukuba yimpatho engalinganiyo esipoliseni.

UTengimpilo Maqebhula, noyinzalelwane yaseLibode, kwilali iNgavungavu, upapashe le ncwadi kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo u2024. Le ncwadi ibhalwe ngolwimini lwasemzini (English), kwaye isihloko sayo sithi, ‘Unfinished Road To Justice.’

“Ndikhethe ukuyibhala ngolwimi lwesiNgesi le ncwadi, ndinomqweno wokuba umyalezo ukwazi ukufikelela kuluntu oluninzi, iintlanga zonke, kuquka nezizwe ezimanyeneyo. Ikwayindlela yokubonisa ukwahluleka kweli lizwe loMzantsi Afrika ekuphatheni uluntu ngokulinganayo, kungajongwanga bala,” utshilo uMaqebhula.

Lo mbhali ukwathi nakuba uluntu lwelizwe loMzantsi Afrika lwathi lalwela inkululeko, kwaye lwayifumana, kodwa noko kunjalo idabi liselide kuba kuneendawo emisebenzini apho impatho yohluka ngokwebala.

UMaqebhula nosele echithe iminyaka emininzi esipoliseni, wenze izifundo zomthetho kwakunye nezifundo zeForensic. Ukanti esipoliseni ebesenza kwicandelo lophando ngeminwe (Fingerprints Expert), kwanophando kusetyenziswa iDNA. Ngethuba ethabatha umhlala phantsi ebesele ekwinqanaba lokuba yinkumanda.

“Ndiye ndagxila kakhulu ekubhaleni le ncwadi, emva kokuthabatha umhlala phantsi. Eyona nto ibisele indiphazamisa yindlela uluntu oluphethwe ngayo emsebenzini, nalapho abebala elimhlophe bebethi bonile baphuncuke lula, ngelixa imidaka emnyama ibigxothelwa nezinto ezincinane,” utshilo uMaqebhula.

Le ncwadi kaMaqebhuka iqulethe amaxwebhu athi umbhali abonisa ngokucacileyo ngale mpatho ingalinganiyo athetha ngayo. Ukwathi le ncwadi ayikho ngaye kuphela, koko ikwangabanye oogxa bakhe.

Uthi ngethuba esesipoliseni uzamile ukukuveza oku, nalapho ethe wabhalela abangasentla kuye amaxwebhu ezikhalazo njengomntu okwisikhundla senkumanda, kwanelungu eliphambili kumbutho wabasebenzi.

“Akukho ndlela ndingakhange ndiyizame ukulwa le mpatho ingalinganiyo, ndade ndazibona sele ndityabekwa amatyala, nalapho kwanyanzeleka ndilwe ukuze ndingaphulukani nomsebenzi wam. Ndithe ngokungaphumeleli kumalinge endiwazamileyo, ndabona incwadi iyeyona nto inokubhentsisa ngokuphandle le mpatho bendiyilwa esipoliseni,” uvale ngelo uMaqebhula.

Lo mbhali ukwakhankanye ukuba elinye lamalinge athe wawenza kukubhalela onguMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa, ngale mpatho akholelwa ukuba yimpatho engalinganiyo esipoliseni.

Le ncwadi sele ifumaneka kumaqonga okuthengiswa kweencwadi kwi-intanethi.