Imisiwe intetho yohlahlo lwabiwo mali kaMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana.
Intetho yohlahlo lwabiwo mali ebilindelwe ka2025 imiselwe umhla we12 kweyoKwindla 2025. USomlomo uThoko Didiza ubhengeze ukuba amaqela akaphumelelanga ukufikelela kwisivumelwano malunga nokunyuswa kwerhafu nge2%.
UDidiza uthe ababhexeshi abaziintloko bafuna ixesha lokusiqwalasela esi siphakamiso phambi kokuba bathathe isigqibo sokuba singavunywa kusini na kwaye sisiwe ebantwini.
Kokokuqala kwiminyaka engama30 yolawulo lwentando yesininzi ukuba intetho yohlahlo lwabiwo mali imiswe.
NgokukaDidiza, iinkokeli zikarhulumente zimazise ukuba imibutho yeGNU kwisigqeba solawulo ayikwazanga ukuvumelana nohlahlo lwabiwo mali.
Imibutho ekwiGNU, equka iDemocratic Alliance, ixhase oku kuhlehliswa, logama imibutho ephikisayo efana ne’EFF kunye neMK Party ilikhabile eli nyathelo. Bamemelele ukuba uMphathiswa aphendule ngokulibaziseka.
Oku kudale inkxalabo emva kokuba uMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana ethe wabambezeleka ukuba enze intetho. Le ntetho bekufanele ukuba yenziwe ngentsimbi yesibini emva kwemini namhlanje, ngoLwesithathu.
Iingxelo zithi uMongameli uCyril Ramaphosa ubize intlanganiso yeKhabhinethi engxamisekileyo.
Related Topics: