Sithandiwe Velaphi
Kulindeleke ukuba lukhule utyalo-mali eNelson Mandela Bay, nanjengoko iziko logcino-zixhobo zolwakhiwo i-Nelson Mandela Bay Logistics Park (NMBLP) eTinarha, livakalise ukuba lenyusa umthamo wokulungela uxonkxo-zithuthi yinkampani yakwa-Volkswagen South Africa.
Iingxelo zenkampani exonkxa izithuthi i-Volkswagen South Africa (VWSA), nevakalise ukuba ikumalungiselelo okwakha uhlobo lwesithuthi esitsha, zitsale umdla kuthotho lweenkampani ezifuna ukugxumeka iintente zazo e-NMBLP.
Zonke ezinkquleqhu zenziwa yi-NMBLP ziphantsi kweliso elibukhali lwequmrhu lophuhliso laseKurha (Coega). UGustav Meyer, ongumanejala ophezulu ojongene neemalike zehlabathi kwicandelo lezothutho eCoega, ungqinilele ngenene ukuba umzi wakwa-VWSA ukuba usebenzisana neCoega ukurhwebesha uthotho lwabatyali-zimali eNelson Mandela Bay. “Konke oku ziinzame zokuqinisekisa ukuba sikulungele ukuqala ukuxonkxa isithuthi esitsha esizakwenziwa ngu-VWSA,” utshilo uMeyer.
UMphumzi Flepu ongumanejala kwa-NMBLP uthi zininzi iinkampani ezinomdla wokugxumeka iintente zazo kwiziko labo kunyak’ ozayo. Eliziko lakwa-NMBLP likwi-hekathara ezikiwikhulu elinamashumi asibhozo anesithathu (183) kwaye likwaquka amagumbi ogcino-zixhobo zobuchwepheshe.
Iinkampani ezikwelaziko sithetha nje ziquka i-Benteler Automotive yaseJamani, i-Faurecia Interior Systems yaseFransi, i-QPlas yaseMzantsi Afrika, i-Grupo Antolin yaseSpeyini, i-Inergy Automotive Systems yaseFransi kwane-Rehau yaseJamani.
Umhlaba oqikelelwa kwii-hekthara ezikwi-126 zisafumaneka kuphuhliso lwesigaba sesibini seliziko, utshilo uFlepu.
Oosoqoqosho kuquka norhulumente waseMpuma Koloni balubona ushishino lwemveliso yezithuthi kweliphondo njenge ntsika ebambe ukuxhathisa koqoqosho lweliphondo. Usoqoqosho uBhasela Yalezo uthi ishishini lokuxonkxwa kwezithuthi eMpuma Koloni luneminyaka luxhamlisa ingeniso yangaphakathi kweliphondo.
Isithethi saseCoega u-Ayanda Vilakazi uthi iphupha le-NMBLP kukubona umthamo wokwenziwa kwezithuthi eNelson Mandela Bay ufunquka phantsi kwamalinge okwenziwa khaphu-khaphu komsebenzi.